1 Kings 14:26 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
wayesusa indyebo zendlu kayehova, nendyebo zendlu yokumkani; kwa zonke wazisusa: wayesusa onke amakaka egolide abewenzile u‐Solomone kanjalo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabuthabatha ubuncwane bendlu kaYehova nobuncwane bendlu yokumkani; wabuthabatha bonke; wazithabatha zonke iingweletshetshe zegolide awazenzayo uSolomon.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wabuthabatha ubuncwane bendlu kaYehova nobuncwane bendlu yokumkani; wazithabatha zonke, wathabatha onke amakhaka egolide awawenzayo uSolomon.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wabuthimba ubutyebi obabusendlwini kaNdikhoyo, kunye nobo babusebhotwe. Wabutha konke kunye namakhaka egolide awayenziwe nguSolomon.