1 Kings 14:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Uze utabate esandleni sako izonka zibe lishumi, nemiqatane, negubu lobusi, uye kuye: yena wokuxelela into eyakuhla umfana.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
uphathe esandleni sakho izonka ezilishumi, nemiqhathane, neselwa lobusi, uye kuye: wokuxelela okuya kubakho kulo mntwana.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Thabatha izonka ezilishumi, nesonka, neselwa lobusi, uze kuye; uya kukuxelela okuya kwenzeka kumntwana.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa uyayo ke thatha izonka ezilishumi kunye namaqebengwana nendebe enobusi. Ke yena uya kukuxelela ukuba kuza kuthekani na ngale nkwenkwe.”