1 Kings 14:31 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wada walala u‐Rehobome noyise bake, wancw̔atywa noyise bake esixekweni sika‐Davide. Igama lonina belingu‐Nahama, um‐Hamonikazi. Waza u‐Abiyame unyana wake wapata ubukumkani esikundleni sake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
URehabheham walala kooyise, wangcwatyelwa kooyise emzini kaDavide. Igama lonina belinguNahama, umAmonikazi. UAbhiyam, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uRehabheham walala kookhokho bakhe, wangcwatywa nookhokho bakhe kwisiXeko sikaDavide. Igama lonina lalinguNahama, oonyana baka-Amon. uAbhiya, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku uRehobhowam waya kuphumla kooyise, waza ke wangcwatywa phakathi kwabo kwisixeko sikaDavide. Unina yayinguNahama umAmonikazi. Ezihlangwini zakhe ke kwangena unyana wakhe uAbhiya.