1 Kings 14:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wenje njalo ke umfazi ka‐Jerobome, wayesuka, wahambela e‐Shilo, weza endlwini ka‐Ahiya. Kekaloku u‐Ahiya wakohlwa kukubona; ngokuba ebete nqi amehlo ake ngenxa yobudala bake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wenjenjalo umkaYarobheham, wesuka waya eShilo, wangena endlwini ka-Ahiya. Ke kaloku uAhiya ebengenakubona, ngokuba amehlo akhe abenorhatyazo ngobudala bakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wenjenjalo umkaYarobheham, wesuka waya eShilo, wafika endlwini ka-Ahiya. Ke uAhiya wayengaboni; ngokuba amehlo akhe abenorhatyazo ebuxhegweni bakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngenene ke umka-Jerobhowam wenza njengoko wayeyalelwe nguJerobhowam, waya eShilo kwa-Ahiya. Ke kaloku uAhiya lo wayeselenorhatyazo engaboni kakuhle ngenxa yobudala.