1 Kings 14:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko uyehova wati ku‐Ahiya: Bona ke, umfazi ka‐Jerobome uyeza ukubuza into kuwe ngaye unyana wake, ngokuba esifa yena: ngokunje nangokunje uya kuteta kuye; ngokuba kuya kuti, nxa ezayo, uya kuzenzisa wumbi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYehova kuAhiya, Nanko umkaYarobheham eza kubuza into kuwe ngonyana wakhe; ngokuba esifa. Uze uthi, uthi, ukuthetha kuye; kuba wothi ekungeneni kwakhe, azenze mntu wumbi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova kuAhiya, Nanko umkaYarobheham esiza kuwe, eze kucela kuwe ngonyana wakhe; ngokuba uyagula; mxelele ke: kuba xa engena uzenza omnye umfazi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke *uNdikhoyo wathi kuye: “Unyana kaJerobhowam akaphilanga. Ke umka-Jerobhowam nanko esiza kuwe, eze kukubuza ngoko kugula konyana wakhe. Ke uze umphendule ngolu hlobo. Ekufikeni kwakhe uza kuzenza mntu wumbi.”