1 Kings 14:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaza kwati, akuva u‐Ahiya intlokoma yenyawo zake, nxa abengena ngocango, wandula wati: Ngena, mfazi ka‐Jerobome! kunganina lento uzenzisa wumbi? ngokuba nditunyiwe kuwe nendaba ezinzima.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, akusiva uAhiya isingqi seenyawo zakhe, engena emnyango, wathi, Ngena, mkaYarobheham, yini na ukuba uzenze mntu wumbi? Ndithunywe kuwe udaba olubi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Weva uAhiya iinyawo zakhe, xa engena emnyango, wathi, Ngena, mkaYarobheham kutheni uzenza omnye umntu? ngokuba ndithunywe kuni ndineendaba ezibuhlungu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke uAhiya akuziva izingqi zakhe engena emnyango, wabhekisa kuye wathi: “Ngena, umka-Jerobhowam. Kutheni uzenza mntu wumbi nje? Kanti ke ndiphathiswe udaba olubuhlungu ngawe.