1 Kings 14:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ndaṙazula ubukumkani kuyo indlu ka‐Davide, ndabunika kuwe; nokuba ungabanga njengesicaka sam u‐Davide, owagcinayo imiyalelo yam, nowandilandelayo ngayo yonke intliziyo yake, ukwenza oko kufaneleyo emehlweni am kodwa;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ndabukrazula ubukumkani endlwini kaDavide, ndakunika;wesuka akwafuza umkhonzi wam uDavide, owayigcinayo imithetho yam, owandilandelayo ngentliziyo yakhe yonke, ukuba enze okuthe tye kodwa emehlweni am;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bususe ubukumkani endlwini kaDavide, unike yena; ukanti wawungenjengomkhonzi wam uDavide, owayigcinayo imiyalelo yam nowandilandela ngentliziyo yakhe yonke ukuze enze oko kulungileyo kum amehlo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Umbuso ndawukrazula kwindlu kaDavide, ndawunikela kuwe. Kambe ke wena awuziphathanga njengesicaka sam uDavide. Yena wayeyithobela imithetho yam, endilandela ngomxhelo wakhe uphela, kuphela esenza oko kundikholisayo.