1 Kings 14:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
koko ukwenzile okukohlakeleyo ngapezu kwabo bonke ababepambili kuwe: ngokuba uye wakwenzela otixo bambi, nemifanekiso etyityishiweyo, ukundiqumbisa, nam undilahlile emva kwomhlana wako:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
wesuka wena wenza okubi ngaphezu kwabo bonke ababekho ngaphambi kwakho, waya wazenzela thixo bambi, nemifanekiso etyhidiweyo, ukuba undiqumbise, wandiphosa emva komhlana wakho:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kambe ke wena wenze ububi obungaphezu kobo bubekho phambi kwakho, ngenxa enokuba uzenzele izithixo zasemzini, nezithixo ezingento, wadlala ngam, wandiphosa emva komhlana wakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke wena ngokwenza izinto ezimbi ubalasele kubo bonke ababengaphambi kwakho. Usuke wazenzela thixo bambi, imifanekiso eyenziwe ngesinyithi. Ngale nto ke undicaphukisile; kaloku wena usuke wandifulathela.