1 Kings 15:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo no‐Mahaka unina, kwa yena wamshenxisa ukuba angabi ngukumkanikazi, ngokokuba ebelenzile idalo ku‐Ashera; waza u‐Asa wagaula idalo lake, walitshisa ngasemlanjaneni we‐Kidrone.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
KwanoMahaka unina wamguzula, akaba yinkosikazi; ngokuba wamenzela uAshera isithixo esilisikizi. Waza uAsa wasigawula isithixo sakhe esilisikizi, wasitshisa emlanjaneni oyiKidron.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
NoMaga unina wayerhoxa ebukumkanini, ngokuba wenza umfanekiso oqingqiweyo etyholweni; uAsa wasitshabalalisa isithixo sakhe, wasitshisa kumlambo iKidron.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wamkhiqa unina-khulu uMahaka kwisikhundla sokuba ngukumkanikazi; kaloku yena wayenze isikizi eliyintsika ka-Ashera. UAsa wayigawula loo ntsika, waza wayitshisa kwintili yeKedron.