1 Kings 15:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wenyuka u‐Bahasha ukumkani wo‐Sirayeli ngakwa‐Juda, wayaka i‐Rama, ukuze angavumeli namnye ukupuma nokungena ku‐Asa ukumkani wo‐Juda.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wenyuka uBhahesha ukumkani wakwaSirayeli, esiza kulwa namaYuda; wakha iRama, ukuba angavumi ukuba kuphume bani aye kuAsa ukumkani wakwaYuda.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uBhahesha ukumkani wakwaSirayeli wawaxabela amaYuda, wayakha iRama, ukuze angavumi ukuba kuphume bani aye kuAsa ukumkani wakwaYuda.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukumkani uBhayesha waya kwaJuda, wafika wayingqinga iRama, wavala akwabi nakungena nakuphuma mntu kummandla ka-Asa ukumkani wakwaJuda.