1 Kings 15:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Asa watabata yonke isilivere, negolide, ezibe zisele pakati kwendyebo zendlu kayehova nendyebo zendlu yokumkani, wazinikela esandleni sezicaka zake; waza ukumkani u‐Asa wazituma ku‐Bene‐hadadi, unyana ka‐Tabrimone, unyana ka‐Heziyone, ukumkani we‐Siriya, obehlala e‐Damakusi, esiti:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wayithabatha uAsa yonke isilivere negolide ebisele ebuncwaneni bendlu kaYehova, nasebuncwaneni bendlu yokumkani, wayinikela ezandleni zabakhonzi bakhe. UAsa ukumkani wayithumela kuBhen-hadade, unyana kaTabrimon, unyana kaHeziyon, ukumkani wakwa-Aram, ohleli eDamasko, esithi,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wayithabatha uAsa yonke isilivere negolide eyayisele ebuncwaneni bendlu kaYehova, nasebuncwaneni bendlu yokumkani, wayinikela esandleni sabakhonzi bakhe; ukumkani uAsa wayithumela kunyana kaBhen-hadade. Wathi uTabrimon unyana kaHeziyon, ukumkani wakwa-Aram, ohleli eDamasko:
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke uAsa wayithatha isiliva negolide eyayishiyeke koovimba bendlu kaNdikhoyo nakwabo bebhotwe lakhe, wayinikezela kumagosa akhe, wayithumela kuBhenadadi unyana kaTabrimon unyana kaHeziyon ukumkani wakwa-Aram owayelawula eDamasko.