1 Kings 15:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kuko ucebano pakati kwam nawe, na pakati kwobawo wam noyihlo wako: bona ke, nditumile kuwe ibaso, isilivere negolide; hamba, wapule ucebano lwako no‐Bahasha ukumkani wo‐Sirayeli, ukuba enyuke kum.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kukho umnqophiso phakathi kwam nawe, phakathi kobawo noyihlo; nanko, ndikuthumele isipho sokukucenga sesilivere negolide; yiza, uwaphule umnqophiso wakho noBhahesha ukumkani wamaSirayeli, ukuba emke kum.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kukho umnqophiso phakathi kwam nawe, naphakathi kobawo noyihlo; uyabona, ndikuthumelela isipho sesilivere negolide; Yiza, uwaphule umnqophiso wakho noBhasha, ukumkani wakwaSirayeli, wokuba ndihambe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi kuye: “Makubekho umnqophiso phakathi kwam nawe, nanjengokuba wawukhona phakathi kukabawo noyihlo. Nâso isipho endikunika sona: igolide nesiliva. Wuqhawule ke umnqophiso ophakathi kwakho noBhayesha ukumkani wakwaSirayeli, khon' ukuze andiyeke.”