1 Kings 15:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wapulapula ke u‐Bene‐hadadi kukumkani u‐Asa, watuma inkosi zezimpi abenazo ngakuzo izixeko zakwa‐Sirayeli, wabeta i‐Hiyone, ne‐Dane, ne‐Abele‐betemahaka, nayo yonke i‐Kinerete, kunye nelizwe lonke lakwa‐Nefatali.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UBhen-hadade wamphulaphula ukumkani uAsa, wathumela abathetheli bempi abenabo emizini yakwaSirayeli, waxabela i-Iyon, nowakwaDan, neAbhele-bhete-mahaka, neKineroti yonke, kunye nelizwe lonke lakwaNafetali.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wandula ke uBhen-hadadi wamphulaphula uKumkani uAsa waza wathumela abathetheli bemikhosi yakhe nxamnye nezixeko zakwaSirayeli, waza woyisa i-Iyon neDan neAbhele-bhete-mahaga nayo yonke iShineroti nelizwe lonke lakwaNafetali.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UBhenadadi ke wavumelana nokumkani uAsa, waza wathumela iingqwayi-ngqwayi zomkhosi wakhe zaya kuhlasela iidolophu zakwaSirayeli, wayoyisa i-Iyon, nesixeko sakwaDan, neAbhele-bhete-mahaka, neKineroti iphela, kunye nelizwe lonke lakwaNafetali.