1 Kings 15:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula ukumkani u‐Asa wabiza o‐Juda bonke, (bekungeko okululekileyo,) ukuba basuse amatye e‐Rama, nemiti yayo, abe akile ngazo u‐Bahasha; waza ukumkani u‐Asa waka ngazo i‐Geba yakwa‐Benjamine, ne‐Mitsipa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukumkani uAsa wawahlabela umkhosi amaYuda onke, akwabakho namnye ukhululekileyo. Bawasusa amatye eRama, kwanemithi yayo abesakha ngayo uBhahesha ukumkani; uAsa wakha ke ngayo iGebha yakwaBhenjamin, neMizpa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waza uKumkani uAsa wakhala phakathi kwawo onke amaYuda; bawasusa amatye eRama, nemithi yayo, awasakha ngayo uBhahesha; yaye ukumkani uAsa wakha ngazo bha yakwaBhenjamin neMizpa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku ukumkani uAsa wanika umyalelo kuJuda ephela, wathi wonke umntu makathathe loo matye naloo mithi yayisetyenziswa ngoBhayesha engqinga iRama. Ngezo zinto ukumkani uAsa wakha iGebha kwaBhenjamin kunye neMizpa.