1 Kings 15:23 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nesisalela sayo yonke imicimbi ka‐Asa, nawo onke amandla ake, nako konke abekwenza, nezixeko abezaka, ayiba̔lwanga na yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani bo‐Juda? Kodwa ngexesha lobudala bake wabenesifo ezinyaweni zake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Zonke ezinye izinto zika-Asa, nobugorha bakhe bonke, nako konke awakwenzayo, nemizi awayakhayo, ayibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda? Uthe ke akuba yindoda enkulu, wabulawa ziinyawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ezinye izinto zika-Asa, nobugorha bakhe bonke, nako konke awakwenzayo, nemizi awayakhayo, nâzo zibhaliwe na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda? Noko ke, ekwaluphaleni kwakhe, wayegula yimilenze yakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke ezinye zeziganeko zolawulo luka-Asa nayo yonke imizabalazo yakhe esebenza esakha nezixeko, nâzo kwincwadi yeembali zookumkani bakwaJuda. Kambe ke wathi akuba mdala waba nesifo seenyawo.