1 Kings 15:24 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wada u‐Asa walala noyise bake, wancw̔atywa noyise bake esixekweni sika‐Davide uyise: waza u‐Yehoshafate unyana wake wapata ubukumkani esikundleni sake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UAsa walala kooyise, wangcwatyelwa kooyise, emzini kaDavide uyise. UYehoshafati, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ekugqibeleni uAsa walala kookhokho bakhe waza wangcwatywa nookhokho bakhe kwisiXeko sikayise uDavide unyana wakhe uYehoshafati waqalisa ukulawula esikhundleni sakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke uAsa waya kuphumla kooyise, waza wangcwatyelwa phakathi kwabo kwisixeko sikayise-mkhulu uDavide. UYoshafati unyana wakhe wathatha indawo yakhe wangukumkani.