1 Kings 15:25 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KEKALOKU u‐Nadabi unyana ka‐Jerobome waba ngukumkani pezu kwo‐Sirayeli, ngowesibini umnyaka ka‐Asa ukumkani wo‐Juda, wapata ubukumkani pezu kwo‐Sirayeli iminyaka yamibini.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UNadabhi, unyana kaYarobheham, waba ngukumkani kwaSirayeli ngomnyaka wesibini ka-Asa, ukumkani wakwaYuda; waba neminyaka emibini engukumkani kwaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke yena uNadabhi, unyana kaYarobheham, waba ngukumkani wakwaSirayeli ngomnyaka wesibini ka-Asa ukumkani wakwaYuda, waba ngukumkani wakwaSirayeli iminyaka emibini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku uNadabhi unyana kaJerobhowam waba ngukumkani kwaSirayeli kunyaka wesibini kakumkani uAsa wakwaJuda. Ke yena walawula iminyaka emibini kwaSirayeli.