1 Kings 15:27 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Bahasha unyana ka‐Ahiya, owendlu ka‐Yisakare, waceba ngakuye; wasuka u‐Bahasha wambeta e‐Gibetone, eyeyama‐Filistiya, nxa u‐Nadabi no‐Sirayeli bonke bebevingcela i‐Gibetone.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waza uBhahesha, unyana ka-Ahiya, wendlu kaIsakare, wamceba. UBhahesha wamxabela eGibheton yakumaFilisti, beyingqinga iGibheton uNadabhi namaSirayeli onke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uBhahesa unyana ka-Ahiya, wendlu kaIsakare, wagwilika kuye; uBhahesa wayixabela iGibheton yamaFilisti; ngokuba uNadabhi noonyana bonke bakaSirayeli babeyingqingile iGibheton.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UBhayesha unyana ka-Ahiya wendlu kaIsakare wamenzela iyelenqe, waza wambetha wafa eGibheton, idolophu yamaFilistiya, xa yena uNadabhi noSirayeli ephela babeyingqingile.