1 Kings 15:33 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngomnyaka wesitatu ka‐Asa ukumkani wo‐Juda, waba ngukumkani u‐Bahasha unyana ka‐Ahiya pezu kwo‐Sirayeli bonke e‐Tiretsa, wapata ubukumkani iminyaka yamashumi mabini anamine.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngomnyaka wesithathu ka-Asa ukumkani wakwaYuda, uBhahesha, unyana ka-Ahiya, waba ngukumkani kumaSirayeli onke eTirtsa;iminyaka yaba ngamashumi amabini anamine.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngomnyaka wesithathu ka-Asa ukumkani wakwaYuda, uBhahesha, unyana ka-Ahiya, waba ngukumkani kumaSirayeli onke eTirtsa, iminyaka emashumi mabini anamine.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngonyaka wesithathu kakumkani uAsa kwelakwaJuda, uBhayesha unyana ka-Ahiya waba ngukumkani wakwaSirayeli eTirza, waza ke walawula iminyaka emashumi mabini anesine.