1 Kings 15:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nesisalela semicimbi ka‐Abiyame, nako konke abekwenza, ayiba̔lwanga na yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani bo‐Juda? Kwako imfazwe kanjalo pakati kwo‐Abiyame no‐Jerobome.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ezinye izinto zika-Abhiyam, nako konke awakwenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda? Yaye iyimfazwe ke phakathi koAbhiyam noYarobheham.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ezinye izinto zika-Abhiya, nako konke awakwenzayo, ndithi, zibhaliwe na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda? Kwabakho imfazwe phakathi kuka-Abhiya noYarobheham.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ezinye zeziganeko zokulawula kuka-Abhiya, nayo yonke imisebenzi yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda. Kwakusoloko kukho imfazwe phakathi kuka-Abhiya noJerobhowam.