1 Kings 16:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kute, akuba ngukumkani, nxa abehleli pezu kweterone yake, wabeta yonke indlu ka‐Bahasha; akamsalisela namnye onobudoda, nowezalamane zake nowezihlobo zake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, akuba ngukumkani, kwaesaqala ukuhlala etroneni yakhe, wayixabela yonke indlu kaBhahesha, akamsalisela nanye into eyindoda, nongumzalwana wakhe, nongumhlobo wakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uthe akuqala ukuba ngukumkani, ehleli etroneni yakhe, wayibulala yonke indlu kaBhahesha; akashiya nabani na eqhekeza udonga, kwanabazalwana bakhe nabahlobo bakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthe ke uZimri akungena ezintanjeni wayingenela wayibulala indlu kaBhayesha iphela. Wabulala akashiya duna, nditsho isizalwana nesihlobo.