1 Kings 16:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngenxa yazo zonke izono zika‐Bahasha, nezono zika‐Ela unyana wake, abonayo ngazo, nababenzayo o‐Sirayeli bone ngazo nabo, ukumqumbisa uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ngezinto zabo ezingendawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ngenxa yezono zonke zikaBhahesha, nezono zikaEla unyana wakhe, abona ngazo, abawonisa ngazo amaSirayeli, ukumqumbisa uYehova uThixo kaSirayeli ngeento zabo ezingento.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ngenxa yezono zonke zikaBhasha nezono zikaEla unyana wakhe abona ngazo ababangela ukuba oonyana bakaSirayeli bangabi nasono ngokugculela uYehova uTHIXO kaSirayeli ngomsindo wabo olambathayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Le nto ke wayenza ngenxa yezono ezenziwa nguBhayesha nonyana wakhe uEla, nangenxa yokuba uSirayeli bamlukuhlela esonweni, ngeso senzo ke bamxhokonxa uNdikhoyo, waza wakhathazeka uNdikhoyo uThixo kaSirayeli yimifanekiso yabo ephuthileyo yezithixo.