1 Kings 16:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wenyuka u‐Omri e‐Gibetone, no‐Sirayeli bonke kunye naye, baya bavingcela i‐Tiretsa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wenyuka ke uOmri enamaSirayeli onke esuka eGibheton, ayingqinga iTirtsa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Emva koko uOmri wenyuka waya eGibheton nawo onke amaSirayeli awayekunye naye, baza bangqinga iTirtsa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke uOmri nawo onke amaSirayeli ahlehla eGibheton, aza angqinga iTirza.