1 Kings 16:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokokuba ndikupakamisile elutulini, ndakwenza inkosi pezu kwabantu bam o‐Sirayeli: kanti uhambile ngendlela ka‐Jerobome, wabenza abantu bam o‐Sirayeli bone, ukundiqumbisa ngezono zabo;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngenxa enokuba ndakuphakamisayo eluthulini, ndakwenza inganga yabantu bam amaSirayeli, wesuka wena wahamba ngendlela kaYarobheham, abantu bam amaSirayeli wabonisa ukuba bandiqumbise ngezono zabo:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba ndakukhupha eluthulini, ndakwenza ukumkani wabantu bam amaSirayeli; yaye wahamba ngendlela kaYarobheham waza wababeka ityala abantu bam amaSirayeli ngokundikhotyokisa ngezono zabo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ndakuphakamisa eluthulini, ndakwenza inkokheli yabantu bam amaSirayeli. Kambe ke wena suka wangena ekhondweni likaJerobhowam, wabalukuhlela esonweni abantu bam amaSirayeli. Ezo zono ke ziwuxhokonxile umsindo wam.