1 Kings 16:23 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngomnyaka wamashumi matatu anesinye ka‐Asa ukumkani wo‐Juda, waba ngukumkani u‐Omri pezu kwo‐Sirayeli, wapata ubukumkani iminyaka yalishumi linamibini: e‐Tiretsa wapata ubukumkani iminyaka yamitandatu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngomnyaka wamashumi amathathu anamnye ka-Asa ukumkani wakwaYuda, uOmri waba ngukumkani wamaSirayeli, iminyaka yaba lishumi elinamibini; waba ngukumkani eTirtsa iminyaka emithandathu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngomnyaka wamashumi omathathu anamnye ka-Asa ukumkani wakwaYuda, uOmri waba ngukumkani wakwaSirayeli iminyaka elishumi elinamibini; Walawula iminyaka emithandathu eThirtsa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku ngonyaka wamashumi amathathu ananye uAsa engukumkani kwaJuda, uOmri waba ngukumkani kwaSirayeli, waza ke walawula iminyaka elishumi elinambini, emithandathu eseTirza.