1 Kings 16:24 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza watenga intaba ye‐Samariya ku‐Shemere ngetalente zimbini zesilivere, waka entabeni leyo, walibiza igama lesixeko wasakayo, ngegama lika‐Shemere, umnini wentaba, ngokuti yi‐Samariya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waza wathenga intaba yakwaSamari kuSamari ngeetalente ezimbini zesilivere, wakha kuloo ntaba, wathi igama laloo mzi wawakhayo yiSamari, ngegama likaSamari umninintaba.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waza wathenga intaba yakwaSamari kuShemere ngeetalente ezimbini zesilivere, wakha kuloo ntaba, wathi loo mzi wawakhayo yiSamari, ngegama likaShemere umninintaba.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathenga induli yaseSamariya kuShemere ngamawaka amathandathu eengqekembe zesiliva, waza ke wakha isixeko apho kuyo, wasibiza ngokuba yiSamariya, igama likaShemere umnini waloo nduli kumaxesha angaphambili.