1 Kings 16:29 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku u‐Ahabi unyana ka‐Omri waba ngukumkani pezu kwo‐Sirayeli, ngomnyaka wamashumi matatu anesibozo ka‐Asa ukumkani wo‐Juda; wapata ubukumkani u‐Ahabi unyana ka‐Omri pezu kwo‐Sirayeli e‐Samariya, iminyaka yamashumi mabini anamibini.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UAhabhi, unyana kaOmri, waba ngukumkani kumaSirayeli ngomnyaka wamashumi omathathu anesibhozo ka-Asa, ukumkani wakwaYuda; uAhabhi unyana kaOmri waba neminyaka emashumi mabini anamibini engukumkani kumaSirayeli kwaSamari.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngomnyaka wamashumi omathathu anesibini ka-Asa ukumkani wakwaYuda, waba ngukumkani uAhabhi, unyana kaOmri kumaSirayeli; uAhabhi, unyana kaOmri, wayengukumkani kwaSirayeli iminyaka emashumi mabini anamibini eSamariya.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngonyaka wamashumi amathathu anesibhozo wokulawula kuka-Asa kwaJuda, uAhabhi waba ngukumkani wakwaSirayeli, waza walawula iminyaka emashumi mabini anambini kwaSirayeli eSamariya.