1 Kings 16:31 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaza kwati, (bekuyinto encinane na ukuhamba kwake ezonweni zika‐Jerobome unyana ka‐Nebati?) ukuba wamzeka abe ngumfazi u‐Jezebele, intombi ka‐Etebali ukumkani wama‐Tsidone, waya wakonza u‐Bali, watoba pambi kwake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke, ngokungathi kulula kuye ukuhamba ngezono zikaYarobheham unyana kaNebhati, wesuka wazeka uIzebhele, intombi kaEtebhahali ukumkani wamaTsidon, wangumkakhe; waya wakhonza uBhahali, wamnqula.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yaye kwathi, ngokungathi yinto elula kuye ukuhamba ezonweni zikaYerobhoham unyana kaNebhati, wathabatha uIzebhele unyana kaEtebhahali ukumkani waseTsidon waba ngumfazi wakhe waza waya kumbulala. Bakhonza uBhahali, baqubuda kuye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akanelanga nje ukwenza izono zikaJerobhowam unyana kaNebhati, kodwa wongeza nangokuthatha uJezebhele intombi kaEtibhali ukumkani wamaSidon, waza ke wangena ekunquleni uBhali.