1 Kings 16:33 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
wawenza u‐Ahabi kanjako umfanekiso ka‐Ashera: kwa njalo u‐Ahabi wandisa ukwenza kwake ukuqumbisa uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ngapezu kwabo bonke okumkani bo‐Sirayeli abebepambili kuye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UAhabhi wenza uAshera; uAhabhi waqokela ukumqumbisa uYehova uThixo wakwaSirayeli, ngaphezu kwabo bonke ookumkani bakwaSirayeli ababengaphambi kwakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uAhabhi wenza ihlathi; waphinda uAhabhi wamqumbisa uYehova, uThixo kaSirayeli, ngaphezu kookumkani bonke bakwaSirayeli ababengaphambi kwakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UAhabhi wamisela isibonda esifanekisa uAshera, waza ngokwenjenjalo wawuxhokonxa umsindo kaNdikhoyo uThixo kaSirayeli, nto leyo yamenza wabalasela ekuqumbiseni uNdikhoyo kunabo bonke ookumkani bakwaSirayeli ababengaphambi kwakhe.