1 Kings 16:34 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngemihla yake u‐Hiyeli, um‐Betele, wayaka i‐Jeriko: ngo‐Abirame owamazibulo wake wayiseka, nango‐Segube omncinane wake wamisa ingcango zayo, njengelizwi likayehova, owalitetayo ngo‐Yoshuwa unyana ka‐Nune.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngeemini zakhe wayakha uHiyeli waseBheteli iYeriko;wayiseka ngoAbhiram, amazibulo akhe, wawamisa amasango ayo ngoSegubhi, owamathumbu akhe, ngokwelizwi likaYehova, awalithethayo ngoYoshuwa unyana kaNun.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngexesha lakhe uHiyeli waseBheteli wayakha iYeriko; wawuseka ngoAbhiram, amazibulo akhe, wawamisa amasango ayo ngoSegubhe, unyana wakhe omncinane, ngokwelizwi likaYehova, awalithethayo ngomyalelo kaYoshuwa unyana kaNun.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngexesha lika-Ahabhi uHiyeli waseBhetele waphinda wayivusa iJeriko. Iziseko zayo zamenza walahlekelwa ngunyana wakhe wamazibulo uAbhiram, kanti ke xa amisa amasango ayo walahlekelwa ngunyana wakhe omnci uSegubhi. Yonke loo nto yenzeka ngokomlomo kaNdikhoyo kuYoshuwa unyana kaNune.