1 Kings 16:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wada walala u‐Bahasha noyise bake, wancw̔atywa e‐Tiretsa: waza u‐Ela unyana wake wapata ubukumkani esikundleni sake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UBhahesha walala kooyise, wangcwatyelwa eTirtsa. UEla, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ekugqibeleni uBhasha walala kookhokho bakhe waza wangcwatywa eTirtsa, yaye uEla unyana wakhe waqalisa ukulawula esikhundleni sakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UBhayesha waya kuphumla kooyise, waza wangcwatywa eTirza. Esikhundleni sakhe ke kwangena unyana wakhe uEla.