1 Kings 16:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngomnyaka wamashumi mabini anesitandatu ka‐Asa ukumkani wo‐Juda, waba ngukumkani u‐Ela unyana ka‐Bahasha pezu kwo‐Sirayeli e‐Tiretsa, wapata ubukumkani iminyaka yamibini.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngomnyaka wamashumi omabini anamithandathu ka-Asa, ukumkani wakwaYuda, waba ngukumkani uEla unyana kaBhahesha, kwaSirayeli eTirtsa; yaba yiminyaka emibini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngomnyaka wamashumi omabini anesithandathu ka-Asa ukumkani wakwaYuda, waba ngukumkani uEla, unyana kaBhasha, kwaSirayeli eTirtsa, iminyaka emibini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwathi ngonyaka wamashumi amabini anesithandathu uAsa engukumkani wakwaJuda, uEla unyana kaBhayesha waqalisa ukulawula kwaSirayeli, waza walawula eTirza iminyaka emibini.