1 Kings 17:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wesuka ke, wahambela e‐Tsarefate. Wati akufika esangweni lesixeko, bona ke, wayekona umhlolokazi eteza inkuni; waza wabiza kuye, wati: Kaundizekele intwana yamanzi esityeni, ndisele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wesuka ke waya eTsarfati, wafika esangweni lomzi; nanko kukho apho umfazi ongumhlolokazi echola iinkuni; wambiza, wathi, Khawundikhelele intwana yamanzi ngesitya, ndisele.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wavuka ke, waya eSafati. Wathi akufika esangweni lesixeko, nanko umhlolokazi ethwele iinkuni; Wambiza wathi: Ndiziseleni iemele yamanzi ndisele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke wahamba waya eZarfati. Ekufikeni kwakhe ke esangweni lesixeko eso, wafika kukho mhlolokazi uthile echola-chola iintsasa. Wambiza waza wathi: “Khawundiphathele amanzi ngendebe ukuze ndisele.”