1 Kings 17:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti: Ehleli nje uyehova, utixo wako, akuko kum nasonkana, kuko iqobana lomgubo efatyeni, nentwana yeoli egutyini, kupela! kekaloku bona ke, nditeza inkuni zimbini, ukuba ndiye ndiwulungisele mna nonyana wam, ukuze siwudle, sife nokufa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi, Ehleli nje uYehova, uThixo wakho, andinasonka;ngumgubo ongazalisa isandla emphandeni, nentwana yeoli eselweni; uyabona ke, ndichola iinkuni ezimbini, ukuba ndiye ndenzele mna nonyana wam, sidle, sife.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi, NgoYehova uThixo wakho ohleliyo, andinasonka, ingengumgubo ongazalisa isandla emphandeni, nentwana yeoli ngesitya; nanku ke nditheza iinkuni ezimbini, ukuba ndiye ndenzele mna nonyana wam, sizidle, sife.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waphendula wathi: “Ngenene, ekho nje uNdikhoyo uThixo wakho, andinaso isonka. Into ekhoyo ngumgubo ongephi osengqayini, kunye nentwana yamafutha omnquma asendebeni. Undibona ndichola-chola ezi ntsasa nje, ndenzela ukuba ndigoduke nazo, ndize ndiphekele mna nonyana wam lo, ukuze sitye sife ke emva koko.”