1 Kings 17:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye uyehova epulapula ilizwi lika‐Elija: waza umpefumlo womntwana wabuya wangena kuye, wapila ke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waliva uYehova ilizwi likaEliya; wabuyela phakathi kwakhe umphefumlo waloo mntwana, waphila.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waliva uYehova ilizwi likaEliya; wabuyela kuye umoya wenkwenkwe, waphila.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo waliva ilizwi likaEliya, waza ke wabubuyisela kwakuloo mntwana ubomi bakhe, waphila.