1 Kings 17:23 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Elija wamtabata umntwana, wehla naye enkambilini yapezulu waya endlwini, wamnikela kunina; wayesiti u‐Elija: Kangela, unyana wako uhleli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wamthabatha uEliya umntwana, wehla naye egumbini eliphezulu, waya endlwini, wamnika unina; wathi uEliya, Uyabona, uphilile unyana wakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uEliya wamthabatha umntwana, wehla naye, waya naye egumbini eliphezulu, wamngenisa endlwini, wamnikela kunina; Wathi uEliya, Uyabona, unyana wakho uhleli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UEliya ke wamfunqula umntwana lowo, waphuma naye kwelo gumbi, waya naye kwelikanina. Wamnikezela kunina, waza wathi: “Uyabona ke, unyana wakho uphilile!”