1 Kings 17:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula wemka, wenza ngelizwi likayehova: ngokuba wemka waya wahlala ngasemlanjaneni we‐Kerite, opambi kwayo i‐Yoredane.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wahamba ke wenza ngokwelizwi likaYehova, waya wahlala emlanjaneni oyiKeriti, okhangelene neYordan.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wahamba ke wenza ngokwelizwi likaYehova, ngokuba waya wahlala emfuleni womlanjana oyiKereti, ngaseYordan.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke uEliya wenza ngokwelizwi likaNdikhoyo. Wahamba waya kuloo ntlambo yaseKeriti kwimpuma yeJordan, wahlala khona apho.