1 Kings 18:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KWAYE kute emra kwemihla emininzi, landula ilizwi likayehova leza ku‐Elija ngomnyaka wesitatu, lisiti: Hamba, uzibonakalise ku‐Ahabi; ngokuba ndiya kunisa imvula pezu kwobuso bomhlaba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi kwakuba mzuzu, lafika ilizwi likaYehova kuEliya ngomnyaka wesithathu, lathi, Hamba uye kubonana noAhabhi, ndinise imvula phezu komhlaba.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathi kwakuba mzuzu, lafika ilizwi likaYehova kuEliya ngomnyaka wesithathu, lathi, Hamba uye kubonana noAhabhi; ndiya kunisa imvula phezu komhlaba.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku emva kwethuba, kunyaka wesithathu waloo mbalela, uEliya wafikelwa lilizwi *likaNdikhoyo lisithi: “Hamba uye kubonana noAhabhi; ke mna ndiya kuyinisa imvula elizweni.”