1 Kings 18:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ehleli nje uyehova, utixo wako, akuko isizwe nobukumkani, apo inkosi yam ingatumelanga kona, ukuba akufune! naxeshekweni kwatiwa: Akako apa; wandula wafungisa obobukumkani nesosizwe, ukuba abakufumananga.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ehleli nje uYehova uThixo wakho, akukho luhlanga nabukumkani, apho ingathumelanga khona inkosi yam, ikufuna;bakuthi, Akakho, yabafungisa ubukumkani nohlanga olo, ukuthi akufumanekanga.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
NgoYehova uThixo wakho ohleliyo, akubangakho luhlanga nabukumkani, angàthumanga ukuba akufunele ukumkani wam; bathi, Akakho; wafunga kurhulumente nakubantu, ukuba abayi kuyifumana.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ekho nje uNdikhoyo uThixo wakho, akukho lizwe nabukumkani ingathumelanga mntu kulo inkosi yam izingelana nawe lo. Isizwe okanye ubukumkani obuthe bakulandula, ubeqononondisa abafungise ukuba ngenene awufumaneki ndawo khona.