1 Kings 18:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwakuya kuti, nxa ndimkile kuwe, umoya kayehova wokutwalela apo endingaziyo: naxeshekweni ndizayo ukumxelela u‐Ahabi, kanti akangekufumane, uya kwandula andibulale: kodwa mna sicaka sako, ndimoyikile uyehova kwa sebutsheni bam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kothi, ndithe ndemka kuwe, uMoya kaYehova akuthwalele apho ndingaziyo; ndiye ndixelele uAhabhi, angakufumani, andibulale;umkhonzi wakho lo umoyike uYehova kwasebuncinaneni bam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ekushiyeni kwam umoya kaYehova wonisa apho ndingaziyo; ukuba ndiye kuxelela uAhabhi, angakufumani, andibulale; kodwa mna, umkhonzi wakho, bendimoyika uYehova ukususela ebutsheni bam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku andinakwazi apho wokusa khona uMoya kaNdikhoyo, sakuba sahlukene. Ukuba ndinokuya kuye ndimxelele, aze yena uAhabhi angakufumani apha, angandibulala, ndibe ke mna, sicaka sakho, uNdikhoyo lo ndamnqula kwasebuntwaneni.