1 Kings 18:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Akuxelelwanga inkosi yam na, oko ndakwenzayo nxa u‐Jezebele wabulala abaprofite bakayehova, ukuba ndawafihla amadoda alikulu kubaprofite bakayehova ngamashumi mahlanu emqolombeni, ndawafunzela ngesonka nangamanzi?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bekungaxelwanga na enkosini yam endakwenzayo ekubabulaleni kukaIzebhele abaprofeti bakaYehova, ndazimeza ikhulu lamadoda kubaprofeti bakaYehova, ngamashumi ngamahlanu, ngamashumi ngamahlanu, emqolombeni, ndabondla ngesonka nangamanzi?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ayixelelwanga na inkosi yam into endayenzayo xa uIzebhele wayebulala abaprofeti bakaYehova, indlela endabafihla ngayo abaprofeti bakaYehova abalikhulu elinamashumi amahlanu emqolombeni ndaza ndabondla ngesonka namanzi?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngaba akuyivanga na, nkosi yam, into endiyenzileyo ngokuya uJezebhele ebebulala abashumayeli bakaNdikhoyo? Kaloku ndathatha ikhulu labashumayeli bakaNdikhoyo, ndalifihla emiqolombeni, ndafaka amashumi amahlanu kuwo ngamnye, ndaza ndamana ndibapha ukutya namanzi.