1 Kings 18:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako kaloku, tuma, uhlanganisele kum o‐Sirayeli bonke entabeni ye‐Karamele, nabaprofite baka‐Bali bengamakulu mane anamashumi mahlanu, nabaprofite baka‐Ashera bengamakulu mane, abadlayo esitebeni sika‐Jezebele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke ngoko, thumela uwahlanganisele kum amaSirayeli onke entabeni yeKarmele, nabaprofeti bakaBhahali abangamakhulu amane anamanci mahlanu, nabaprofeti baka-Ashera abangamakhulu amane, abadla etafileni kaIzebhele.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku thumela uze uhlanganisele kum wonke uSirayeli eNtabeni yeKarmele, abaprofeti bakaBhahali abangamakhulu amane anamashumi amahlanu namakhulu amane abaprofeti bemithi engcwele abadla etafileni kaIzebhele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Khawubaqokelele bonke abantu bakwaSirayeli, ukuze ndihlangane nabo phezu kwentaba iKarmele. Uze ungabashiyi abashumayeli bakaBhali abamakhulu mane namashumi amahlanu, kananjalo nabashumayeli baka-Ashera abamakhulu mane, abo batya kwisithebe sikaJezebhele.”