1 Kings 18:20 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza watuma u‐Ahabi pakati kwalo lonke usapo luka‐Sirayeli, wabahlanganisa abaprofite abo entabeni ye‐Karamele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathumela ke uAhabhi koonyana bonke bakaSirayeli, wabahlanganisela abaprofeti entabeni yeKarmele.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Emva koko uAhabhi wathumela ilizwi kubo bonke oonyana bakaSirayeli waza wabahlanganisela ndawonye abaprofeti eNtabeni yeKarmele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke uAhabhi wathumela ilizwi kuSirayeli ephela, wabaqokelela kwintaba iKarmele bonke abashumayeli.