1 Kings 18:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Elija wasondela kubo bonke abantu, wati: Kwoda kube ninina nipala pakati kwezizindlo zibini? ukuba nguyehova ongutixo, mlandeleni yena; kodwa ukuba ngu‐Bali, mlandeleni yena. Koko abantu bebengampenduli nazwi nye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wafika uEliya ebantwini abo bonke, wathi, Koda kube nini na nimbaxa? Ukuba uYehova nguThixo, landelani yena; ke ukuba nguBhahali uThixo, landelani yena. Abamphendula nezwi abantu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wafika uEliya ebantwini abo bonke, wathi, Koda kube nini na nimi phakathi kweentliziyo ezimbini? ukuba uYehova nguThixo, landelani yena; Ke yena uBhahali landelani yena. Akamphendula isihlwele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UEliya wasondela kubo ke abo bantu, waza wathi: “Koda kube nini na nimbaxa! Ukuba uNdikhoyo nguye uThixo, landelani yena; kanti ke ukuba uBhali nguThixo, landelani yena kaloku.” Kwasuka kwathi cwaka.