1 Kings 18:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Walekela u‐Elija wati ebantwini: Ndisele mna umprofite kayehova ndedwa; kanti abaprofite baka‐Bali bangamadoda angamakulu mane anamashumi mahlanu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uEliya ebantwini, Kusele mna ndodwa umprofeti kaYehova; ke abakaBhahali abaprofeti ngamakhulu amane anamanci amahlanu amadoda.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uEliya ebantwini, Kusele mna ndodwa umprofeti kaYehova; Ke abaprofeti bakaBhahali ngamadoda angamakhulu amane anamanci mahlanu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UEliya wabhekisa ebantwini wathi: “Ndim ndodwa umshumayeli kaNdikhoyo oshiyekileyo, kodwa ke yena uBhali usenabashumayeli abangamakhulu amane anamashumi amahlanu.