1 Kings 18:25 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati u‐Elija kubaprofite baka‐Bali: Zinyuleleni inkunzana ibe nye, niyilungise ukuqala, ngokuba nina nibaninzi; nize nibize ngegama lotixo wenu, kodwa umlilo ningawufaki.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi ke uEliya kubaprofeti bakaBhahali, Zinyuleleni inkunzi entsha ibe nye, nizenzele kuqala; ngokuba nibaninzi nina; ninqule igama lothixo wenu, ningafaki mlilo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uEliya kubaprofeti bakaBhahali, Zinyuleleni inkunzi entsha ibe nye, niyilungise kuqala; ngokuba nibaninzi; nqulani igama lothixo wenu, ningafaki mlilo phantsi kwenu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UEliya wabhekisa kubashumayeli bakaBhali wathi: “Makuqale nina baninzi, nizikhethele inkunzana ibe nye, nizilungiselele yona. Nakugqiba ke, bizani igama lothixo wenu, kodwa ningawuphembi umlilo.”