1 Kings 18:29 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwabekute, nxa imini enkulu seidlulile, baprofitesha kwada kwaza kunikelwa ngomnikelo wokudla; kodwa bekungeko ilizwi, bekungeko nompenduli, bekungeko nokupulapula.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi emveni kwemini enkulu, baprofeta kwada kwesa ekunyusweni komnikelo wokudla wangokuhlwa; akwabakho lizwi, akwabakho uphendulayo, akwabakho ubeke indlebe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwahlwa, yaye baprofeta de kwafika ixesha lombingelelo wangokuhlwa, akwabakho lizwi okanye uphendulayo okanye nabani na owaphulaphulayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yadlula imini emaqanda, bona baqhubela phambili betaka-taka bekrotsha lada lafika ixesha lamadini asemalanga. Kodwa nangoko kwathi cwaka, akwabikho mpendulo, akwabikho bani usabelayo.