1 Kings 18:36 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kute, nxa kunikelwa ngomnikelo wokudla, wandula wasondela u‐Elija umprofite, wati: Yehova, Tixo ka‐Abrahame, ka‐Yisake, noka‐Sirayeli! makwaziwe namhla ukuba wena ungutixo kwa‐Sirayeli, nokuba mna ndisisicaka sako, nokuba ndizenzile zonke ezizinto ngelizwi lako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi ekunyusweni komnikelo wokudla wangokuhlwa, wasondela uEliya umprofeti, wathi, Yehova, Thixo ka-Abraham, kaIsake, kaSirayeli, namhla makwaziwe ukuba nguwe uThixo kwaSirayeli; ukuba ndingumkhonzi wakho mna; ukuba ndizenze zonke ezi zinto ngelizwi lakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngexesha lombingelelo wangokuhlwa, umprofeti uEliya wasondela waza wathi: “Yehova, Thixo ka-Abraham, kaIsake, noSirayeli, makwazeke namhla ukuba uThixo wakho usezweni lakwaSirayeli; nokuba ndingumkhonzi wakho, ukuze ndizenze zonke ezi zinto ngelizwi lakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwathi ke ngexesha lamadini angokuhlwa umshumayeli uEliya wasondela eqongeni, waza wathandaza wenjenje: “Ndikhoyo, Thixo ka-Abraham, Thixo kaIsake, Thixo kaSirayeli, namhlanje mayaziwe into yokuba nguwe uThixo kaSirayeli, mna ke ndisisicaka sakho, nezi zinto zonke ndizenzileyo ndizenze ngokuyalelwa nguwe.