1 Kings 18:37 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndipendule, Yehova! ndipendule, baze bakwazi abantu aba okokuba wena Yehova unguye utixo, nokuba usongile intliziyo yabo ngomva.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndiphendule, Yehova, ndiphendule, bazi aba bantu ukuba wena Yehova unguThixo, ukuba uyiguqulele kuwe intliziyo yabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiphendule, Yehova, ndiphendule, bazi aba bantu ukuba wena Yehova unguYehova, nokuba nguwe oyibuyiseleyo intliziyo yabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe, ndiphendule kaloku, Ndikhoyo, khon' ukuze naba bantu bakuqonde, bakwazi, wena Ndikhoyo, ukuba unguThixo, babone ukuba wena ngoku uziguqulele kuwe iintliziyo zabo.”