1 Kings 18:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngokuba bekute, akuba u‐Jezebele ebenqamla abaprofite bakayehova, wandula u‐Hobadiya watabata abaprofite balikulu, wabafihla ngamashumi mahlanu emqolombeni, wabafunzela ngesonka nangamanzi.)
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
wayethe yena ekubanqamleni kukaIzebhele abaprofeti bakaYehova, uObhadiya wathabatha ikhulu labaprofeti, wabazimeza ngamashumi ngamahlanu, ngamashumi ngamahlanu, emqolombeni, wabondla ngesonka namanzi).
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa uIzebhele wabatshabalalisa abaprofeti bakaYehova, uObhadiya wathabatha abaprofeti abalikhulu waza wabafihla emqolombeni babe ngamaqela angamashumi amahlanu waza wabondla ngesonka namanzi.)
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwathi xa uJezebhele wayebaphumele ngokubabulala abashumayeli bakaNdikhoyo, uObhadiya wathatha ikhulu labashumayeli, waya kubafihla emiqolombeni emibini, wafaka amashumi amahlanu kumqolomba ngamnye, wamana ebapha ukutya namanzi.)